Ndiswel’imilom’eliwaka
Uqaqambil’okwentyatyamb’edlelwen’entwasa hlobo
Umhl’okwelanga lehlobo, nditheth’ikhwezi xa liyokutshon’ekuzeni kusa
Umhl’okweguzu liphum’ekhasini, ifuthe lakho liyavakala naxa ungekho
Ndinebhongo nelunda ngaye,
Kuba wandinik’imbewu, yona leyo endayityala ngaphakathi kwentliziyo yam
Ndisisisnhanha ngokwasemphefumlweni
Wandenza isetyebi ngokwasengqondweni
Kodwa ndilihlwempu ngomdaka, nditsho ngokwasenyameni
Uqal’ukubonakalis’uthando lwakho,
Ngelixa ndandirhub’okombundan’ongento
Wabil’usoma, usehl’usenyuka
Undilungisel’indlel’amalang’enditshonela, limfilib’ikamva

Undinyamezele naxa ndandikurhudel’amahlala,
Ndilisela ngokulil’esimantshiyane
Kodwa wandinqwanqwada, wandigoba
Nangona ndandisele ndimfamekile ziziyolo,
Kodwa injongo zakho zondakha zange zitshabalale

Ndenje nje nje nguwe!

Ndithe ndahendeka
Ndihendwa zizilingo zelilizwe lezono
Ezithe zandishiya ndibudingci,
Ndabuya ndavulel’iinyembez’emehlwen akho,
Okwamanz’engxangxasi, kodwa wema nam
Waqhubek’undinik’uthando.

Ndiyikrazule intliziyo yakho,
Ndiwukrunile umoya wakho,
Amabhongo akho ndawadweza ndawenz’idlavu
Itliziyo yakho ndayenz’ihlwili,
Kodwa uthando lwakho lwampompoz’okwamanz’engxhangxhasi
Kuba lutyalwe ngaphakath’entliziyweni, waliqamangela ngethemba nebhongo

Ndomelwe ngomlomo kodwa ndibamba ngazo zozibini
Bendinga ndingafuman’eliwaka
Ndime kweyonantaba ithe yaphakama kunezinye ndibulele

Amalanga anditshonele, amathunzi anabile ,
Iintsuku zihambile, kodwa wena ndohlala ndikubulela mama.