Wamamele amazwi omzali.
Wanike ingqalelo amazwi omnt’omkhulu.
Zingisa ukucinga,
Zama ukuqiqa
Chul’ukunyathela
Endleleni ukuze ungawuphosi umhlola
Ithemba lokuphuma kulo mgibe andinalo.
Ndikwi ngxingongo,
Ndityiwa zinzingo.
Inene ndayele
Bizani uNomaqhamsanqa aze kundenyula.
Bizani abazali bam baze kundikhulula.
Ngubani owayesazi ndingakwesimnyama isithokothoko?
Inene ndayele
Andizicelanga zonke ezingxaki,
Nto nje zithande ufikela mna.
Ziyintaba endleleni yam
Ziyandikhweba ukuba mandisondele
Inene ndayele