Nam ndenziwa kungazi.
Kuthand’izinto okwandenza
Ndimgxothe endandithembise
ngothando lwanaphakade intliziyo
yakhe igxigxa ligazi.
Ndandingayazi.

Ukuba izenzo zam zakundiphulukanisa
nokukhanya ebomini bam obuvela
kweyona yona nzwakazi.
Imbelukazi,
Imbal’entle yomXhosakazi.

Kunamhla ndifana nje nenja
engenamazinyo ekhonkotha ilele
ngecala engasena kubamba nyamakazi.
Ndithi ndisawuvula umlomo kuthiwe wooh!

“Siyakwazi kaloku ungulo waxotha umazbani okwenjakazi
Vala lomlomo olwakho uthando asinqweneli nolazi,
ulunge ngok uyinkunz’engenamazi.”

Eneneni ukuba bendikwazi ukubuyisela
Konke okwenzekayo emva ngendisenza
njeya ntokunayo andikwazi.
Ndicel’uxolo Nonkwenkwezi.
Ngokukophul’intliziyo,
Ukuzisela inzondo, usizi, nenyembezi
ebomin bakho
Ndenziwa kungazi.

Kwasuke kwajiy’igazi,
Elandenza ndamamel’omalumekazi.
Besithi thath’omny’umfazi,
Uhlukane nalo Bhelekazi,
Ongenanzala gxotha elodlolo lomfazi.
Kunamhla ndililolo elingena bani.

Sele ndabasisicefe nakwizalamani.
Andisenabo nabomalumekazi
Sele wahamba nalo wafika-mva umfazi.
Ngenxa yentlalo eyayingentle phakathi
kwakhe namadodakazi, awayesoloko emvusa ngonyezi
ambuze ngobukho bakhe emzini wama Tshezi.
Ndandingazi ukuba ngokuxotha wena ndizityisa ngobubazi.
Liyinyani elithi “ukungazi kuyafana nongaboni”….