Inene inyawo alijoji. Ngubani owayesazi ukuba ndiyobe namhla ndiphila ubom obunqotywe zintlungu nentlupheko zakaloku nj?
Ubunzima endidibana nabo emhlabeni buyandingcungcuthekisa
Ndandiseli tyendyana lomfana elisaze ngobuso elizweni. Phofu ngokucinga kwam, nanjengoko amaphupha wam ayesethe saa endivelele ngokuselubala. Kodwa landitshonela emini mna ilanga ekubeni ndashiywa ngutatomkhulu wawunabela uqaqaqa .Ndashiyeka ndineloxanduva lokuncedisana nemeko yasekhaya ,ndiyazama kodwa akulungi
Kwakufuneka ndiqinile yaye ndiwulungele lomsebenzi kuba ngoko ndandingasengo mntwana kodwa ndingumzali. Ndaphila obu bom bushwatyulelweyo Inga ndingathi vuleka mhlaba ndingene ..
Ukuba ngumzali umncinci akusiyondlwana iyanetha ,Inene ihodi liphanda umngxuma lingawulali
Inene izakutshintsha naleya,
Imeko yelikhaya ndifungile ukuba ndiyakuyitshintsha,
Ngamandla kaQamata ndiyakuyohlula.
Kude kudede ubumnyama kuvele ukukhanya.
Ngxe ngokuthetha de ndophele,
Ndibethwa zingcinga neenkumbulo,
Bendisithi ndiphalaza intlungu yam kanti ndichukumisa intliziyo ezinintsi.