Ow ndandiba
Ndiyadlala suk’umxhele wabanda
nentsuku zanda uphini lwabonda
Ingqondo yaqonda
Ngomphefumlo ndathanda
Nto ithile engenagama nafani
Suke ndayitha ngelithi
Sipho sam undenzile
Andinguye umbhali
Kambe imbongi
koko ndingumhloli
weengcamango
kunye neemvakalelo
zentliziyo yam
Bambi bathi ndinesifo sephepha
phofu ke andinakubaphikisa
ngoba ngencindi yosiba ndiyaphila
maxawambi ndiyalila
Ingaba ndiyintoni kanye
ndingubani ke?
Andizibuz’igama kaloku
mna andinguye uAmaza
Ntshanga koko
Ndingu Vuma ndikonwabise
Umthuthuzeli wenyembezi
Ngemibongo ndiyazesula
Andinguye uNongqawuse
owakwazi angakwaziyo
wakholelwa angabaziyo
koko ndim ubomi
Ndim inyaniso
intw’engasindwa
ngumthwalo wayo
nje ngo Zahara
ngencindi ndiwis’isprofetho
sembongi zosiba quke
Zomthonyama
Vumani bo!
Rhabu rhabu