Ngomhla endandiqala ukudibana nawe ndandiziva ingathi ndide ndamfumana umhlobo wam wenene kodwa azange ndazi ukuba ndidibene nelonamenemene kuba ndandikuthanda okwenene.

Igazi emzimbeni wam lalishushu linyuka lisehla emzimbeni wam lixelisa amanzi kodwa namhlanje ndiyazisola kuba ndandingayazi ukuba udlala ngam kwaye kude kubenamhlanje undishiye ndilila zade inyembezi zam zabaligazi kuba ngenene ndandingakwazi.

Ndiyakhumbula ngalomihla wawuthanda ukuchitha ixesha elininzi nam ndade ndacinga ukuba ndimfumene uzofa-silahlane wam kodwa azange ukuba kuyoyonke lonto wawuzele nje ukuzokongeza iintshaba zam kwaye uze nje kum uzovuyisa zonke iintshana zam, uzondihlekisa ngaye wonke umntu olitshaba lam wade wadlala nangothando lam wayityumza wade wayibulala nentliziyo yam.

Ukuba ndandazile inene ngendizange ndiqale kwaa ukuthanda kodwa ke uthando lalundimfumile kwaye ndincamile, iinyembezi emehlweni am namhlanje zisuka zizehlele kwaye nexesha lam ngokuthanda wena icacile ukubandilimoshile kuba ucinga ukuba umfumene ongcono kunam wade wambulala nowayezokubangumntwana wam, ungazange uqale udibane nam, uthethe nam kodwa ke namhlanje ndiyazisola kwaye suka nje ulibale ngam nokuba wakhe wadibana nomntu ofana nam wena ithe kanti ulelona lokwenene itshaba lam.