Magcaleka, mhlaba kaDalibhunga;
Nam ndibiziwe.
Ndibizwe kumtyholi ohombe ngezeNkolo yakwaLizwi,
Maxhosa amahle andilogqobhoka,
Nto nje, ndufumana ndigqobhoka,
Ngenxa yesikizi kuMzi kaNtu.

Besebenzisa ulwimi ukudobelela babe besombela ukukoyelisa,
Bakubiza ngomphika, Kanti bayakudinga.
Andothuki, kakade le yinzala kaKhayeni,
Bakuxulutya ngamagama, bakulalise ngoncumo.

Ndibizwe.

Ndithe ndibizwe kumanxila,
Amaxhwangusha izinto ezathiywa amagama.
Into ezilahlekelwe yintlonipho,
Zizibula ngokulala ngenzipho.
Into ezimazwi awileyo njengomkeno kahodoshe,
Amathongorha angena nqala,
Nto nje azintyintya ngotywala.
Mna ndithetha ngotsicela esifubeni,
Izinto ezizibalula ngegranqa.
Ndicela ndindibize amathende xa andishiyayo, bizani isankonde xa ndoyelayo.

Mna ndibizwe

Ndibizwe kwingcibi zobuntu,
Intliziyo ezaliswe sisongo nencasa yezafobe zesiXhosa.
Into ezithetha namanyange kuvakale,
Amatyathangubo xa ilanga likhweza amawa nemixiwuka,
Izinto ezinekhaya kwintliziyo.

Ndithe ndibizwe.