Ndibuhlungu xa nithi animfuni.
Kodw’ andinisoli zizinto ezithethiweyo kuni
Ndiyayazi ukungena kwenye indoda apha lonto ihlaba ezintliziyweni kuni.
Inyaniso ndizoyikhupha noxa iliva elizophuma nobovu kuni.

Ndizele bendingeke ndikwazi ekumnka apha emathileni.
Ndiphindele emva ndiyobayintombi ekhayeni.
Ndishiye umzi wam ndiyozihlekisa ngentshaba zam ekuhlaleni

Lendoda emva kwentsizi ebeluncumo lwam.
Yandonyula eludakeni ikwazi ukuhlupheka kwam.
Nguye nalo wandimisela amadonga ndatsho ndabanomzi wam.
Xandiphakathi kwabanye abafazi ndiyakwazi ukwalatha ndithi naku kwam.

Nguye kanye lo wawa evuka exolele ukuba umqolo wakhe ugcwali igazi ngenxa yemfundo yabantwana bam.
Nguye kanye lo wayekhwezela imbiza kunomoya ethi mama kaAya lembiza izovuthwa sanalwam.
Kanti nina namhla nizomgxotha bantwana bam

Inyaniso bendingenohlala nayo esifubeni
De ndiyongena nayo engcwabeni
Ndingakhange ndiyigalele kuni ezindlebeni
Uyihlo wenu wandishiya inyanyeni
Engenayo nenye efuywayo esibayeni
Namhla zigcwele zilala nangaphandle esibayeni kodwa kulungile mgxotheni

Utata wenu ndandimthanda kodwa bendingeke ndiwubambe umphefumlo xa usohlukana nenyama emhlabeni
Ndiyathemba inyaniso ifikile kuni ezindlebeni.
Andithi makuthini k odwa apha kusemhlabeni.
Na lo nguTata wenu