Kanti isizwe sakuthi siyaphi?!
Siqalekiso sini esiqalekise
Umzi waseMzantsi?!
Izinga lobudlobongela
Liphezulu kakhulu kweli.

Nini-nini kudlwengulwa abasetyhini
Kwaye ngamaxhoba kulemihla
Kanti konakele phi?
Sekude kwehl’inyembezi
Ebantwini abengenzanganto
Kanti konakele phi?
Ikamva leentsana ezisakhulayo
Liphi xa kunje?

Sekunjenjenje abantu
Abasabambisenanga
Kwaye Ubuntu abusekho
Ebantwini.

Umthandazo omkhulu
Onamandla uyadingeka ukubuyisa
Ithemba nokomelela kwabo
Banentliziyo ezingxwelekerhileyo