Ingqondo yam ixinenene,
Umoya wam udandathekile,
Intliziyo yam yophukile,
Kuba kaloku impumelelo ayifiki.

Mpumelelo, uphi na?
Ndiba nganyuka ezontaba,
Ndicande lomathafa.
Ndikhangelana nawe.

Ndimi kwingxangxasi,
Kuba kaloku ndinxaniwe,
Ndifuna ukunxonxoyela wena.
Kanti mpumelelo uphi na?

Ubusuku bufana nemini,
Intloko yam igcwel’ igqumbo,
Zingcinga ziyaphaxulana.