Mna noMama sisuka kude,
Kude lee kwampondo zeqhude, pha kweezantab’ezikude.
Ncaman’anisokuze nisohlukanise,
Ncaman’anisokuze nisixabanise.
Mna noMama sisuka kude
Eyethu imvelaphi yibuzeni koSukude,
Asoze nisigqib’elethw’ibali lide.

Saphuncuk’ekufeni, emathafeni,
Sele sikufuphi nekona yegadi,
Ubomi bethu busemngciphekweni,
Andikayazi nanamhlanje ukuba safika njani esibhedlele ebhedini,
Ababekho bathi yayikukufika kwam emhlabeni.
Ndisuka kwilizwe laseNkabeni.
Apho ndandiseluvalelweni,
Into enga ngeenyanga ezibukuya pha eshumini.
Bathi ndandisele ndidikiwe ndikhaba-khaba ndifun’uphum’elebaleni.
KuMama sele ndivakal’esinqeni.
Kunzim’ukuhamb’isisu sisemadolweni
Sel’embi ebusweni.

Eneneni sisuka kude.
Mna noMaSukude.
Aninakusigqiba elethw’ibali lide.
Lide kuneempondo zeqhude.
Lide kuneentab’ezikude.
Mna noMama sisuka kude.
Kwilizwe lentlupheko,
Apho sasilamba sicinge ngombeko.
Sisuka kwilizwe lezivubeko,
Apho sasisolulekwa sifundisw’intembeko, intobeko kunye nembeko.
Sisuka kude kwilizwe lamasiko
Apho usana lenzelw’imbeleko
Ukwaziswa nokwamkelwa kwikhaya
Ngabantw’abakhayo nabangasekhoyo kwelokhaya.

Sisuka kude kwilizwe lenkolo ka Qamata kunye noThixo
Apho uph’unqulo nomthandazo luzizitixo zoqhawul’amakhamandela.
Sisuka kude kwilizwe lika Tat’uMandela
Sincamen’asokuze nilunge,
Thina sisuka kwilizwe longcikivo nosathan’akazang’alunge.
Kaloku thina safunga kumqulu
Wenyaniso ongandikholelwayo
Angenz’amalinge,
Kodwa angalinge aphazame
Kaloku noThixo unced’ozincedayo
Andithethi mampunge.

Mna noMama sisuka kude,
Kude lee kwampondo zeqhude, pha kweezantab’ezikude.
Ncaman’anisokuze nisohlukanise,
Ncaman’anisokuze nisixabanise.
Mna noMama sisuka kude
Eyethu imvelaphi yibuzeni kooSukude,
Asoze nisigqib’elethw’ibali lide.