Bantu basekhaya
Masinyamezeleni sibeke elethu ithemba kophezulu
Nguye oyakubanazo impendulo zalemibizo esihleli sizibuza yonke’mihla le
Masiwaphose kumdali amaxhala ethu.

Bathi ekunyamezeleni ukhona umvuzo
Umzuzo lowo umkhulu
Masizikhusele ngandlela zonke
Sizijonge ngamaxesha onke
Sizile kude kugqithe esisigaba sexesha esijongene naso.

Bathi ithemba alibulali nto nje liyaphilisa
Noko lentetho ijolise nqo kwesisigaba sikuso
Masihlaleni ezindlini mawethu sizokusindisa impilo zethu nezabo esibakhathaleleyo.

Bathi, “asiyonto ngaphandle kwethemba,”
Ithemba lilo elisiqhubela phambili singancami
Noko emva kobumnyama kukho ukukhanya
Nale sijongene nayo iyedlula.

Bantakwethu obubomi sibuphilayo bukrakra njenge ncind’yekhala
Kodwa unyamezelo funeke subenalo