Mnyaka ndini kanokufa
Umthathil’ umama ndijongile
Ndandisith’ ulele kant’ akasekho
Ndandisith’ ulele kant’ ulel’ ukufa
Silo ndini esingenalusini nalusizi
Ndimbambe ngesandla ndimshukumisa.
Ndimkhwazile ndimkhweb’ endishiya.
Esimka nomsinga wokufa.
Mama vul’ amehl’ undijonge.
Ungandishiyi nam ndikukhaphe.
Ebesiy’ edolophini kunye nam
Namhlanj’ uya kulonokufa
Mna andamkelekanga
Bendiqhel’ ukumlilel’ abuye
Namhlanje ndilile zomel’ ezidleleni.
Unokuf’ umthathil’ umam’ akabuyi.

Ndaxola, ndasel” amanzi
Hamba mama kodw’ uzungandilibali.
Hamba mama kodw’ uzundikhumbule.
Emhlabeni ndisisikhwabakazi
Kuba ndingenaban’ ungakum

Ukukhula kwam akakwazi
Inzing’ endidlule kuz’ akazazi
Ndikhule ngeemfefe zoMdali
Ndilala ngamabona ndenzile
Umhlab’ undizele ngomv’ undijikele.

Hamba mama sobonana kwelizayo.
Uzubulis’ apho kumdali.
Uth’ angakugwebi kub’ ibingezonjongo.
Unokuf’ ukufikel’ ungalindelanga.
Unokuf’ ukufikel ungalungisanga

Hamba ke mama uye kuy’ usonini nanini.
Uzuth’ akuph’ indyebo.
Noko mna ndisadl’ imbadu.
Uzuth’ akugcin’ ezulwini lakhe.
Noko mna ndisisibhadu-bhadu.
Hamba mama sobonana kwelizayo