Madoda niyabizwa sabelani
Madoda niyakhwazwa mamelani
Xa bengenoguqukela kuni nithi mabathini na?
Xa bengenobalekela kuni nithi mabakhuselwe ngobani na?

Ivani isikhalo sentombaza sisitsho
Sicenga, sicela uxolo
Yini nale bone ngayo ba mabahlawuliswe elihlobo?
Naso isikhalo sisitsho sisiza nesingqala
Eso sithuliswa ngosutywa bubuthongo unaphakade.

Nithi buphi ubuAfrika kulento niyenzayo?
Luphi na usizi xa uzombulala ngolungenalusini?

Bayaphela abafazi
Ziyaphela intyatyambo zelilizwe
Zigqitywa ngamadoda
Ekufanele ayazikhulisa, asikhusele.

Madoda niyabizwa sabelani
Madoda niyakhwazwa mamelani
Xa bengenoguqukela kuni nithi mabathini na?
Xa be ngenobalekela kuni nithi mabakhuselwe ngobani na?