Madoda kwanele nathi khanisixolele
Ntozobawo kwanele nathi khanisikhusele.
Makwedini kudala kunje nani khanisilwele.
Bafondini kwanele akunje xa kuzakulunga.

Kutheni nje lento yenu isuke yayi ‘Sinama-ndokunamathela.’
Kunyaka ophelileyo kwa kulenyanga inye,
Sasigxwal’ emswaneni sijongise iintloko ezantsi.
Ngenxa yobudlobongela nokuphela kwemfesane kwabantu abangotata.

Kowu! Zavakalelwa iimbongi zatyatyadula zingqand’ amanzi engena endlini.
Kowu! Zavakalelwa iimvumi zatsho sanxakama isizwe yintswahla.
Kowu! YeMadoda sabelani
Ziphakamile iinkonde nenkondekazi zijingxela zinjalo,
Zayonika idolo ukutya kwalo, zamcenga uBawo.
Zaqula zade zaligangatha iiNkosi nekumkani kwilizwe jikelele.
Wama ngawo omane umongameli wagqisha phantsi,
Wanothulela umnqwazi ,enicenga kway’ enikhalimela ngelithi,
Intonga iyiwakhi umzi.
Madoda kwanele
Madoda khanibaxolele.

Iqengqelekile iminyaka inyanga kunye nentsuku,
Sinikhalimela kwizenzo zobugewu.
Nithi makuthiweni na bafondini?
Ngubani owathembisa ngentiyo,
Ukuze kufe imfesane kunye novelwano.
Athi othe wawutyeshela umqulu nomgaqo-siseko omisiweyo,
Angalinikwa iswazi elimfaneleyo?

Makwedini ndicela nindithantamise kuba eyam intliziyo ityumkile.
Bafondini ndicela sibengumzekelo ekuhlaleni,
Kuba esethu isidima sitshabalele

Owu! Ndibona usizi
Zizijwili umhla nezolo kuxhatshazwa abasetyini.
Zizijwil’ imini, ziyabhong’ ingonyama,
Ayangcangcazel’ amantombazana
Kwimizi’ engenabazali.
Le ngxuba-kaxaka iye yadala unxunguphalo.
Lo nto ndinethamba lokub’ abasemagunyeni bayawubona undonakele

Yiva xa amakhosikazi ekhala esimantshiyane kwinyanga yawo.
Yiba nombono xa begixiza iinyembezi zegazi,
Ngenxa yezikrelemqa zalemihla.
Uthi umntwana ezalw’ izolo,
Abe sele eyintombi enomtsalale kwizixhiliphodi zamadoda.

Ithi inkwenkwana izalwa izolo
Ibe sele iyimveku elandela ekhondweni likayise walo.
Kuba kaloku yena uthi wakuhlutha ngumabila-eband’ awubhodlele kunina nentsana
Uthi xa efika ebudaleni uqaphele
Into yokuba ubuso buzel’ yinkohlakalo
Yonke into ayenzayo isoloko inesikhali maxa onke.

Ngaba esi sehlo madoda sifuna sixhobo sini?
Kungxwelereke okanye kuphalale igazi lomntwana kabani ukuze umthetho udlale indima wayo?
Ukuba akunjalo kutheni lento eleke nyaka nanyaka kuxhaxhw’ abantwana basetyini
Ngaba inimba nemfesana yafa namthanyane kuni bafondini?
Ukuba akunjalo kutheni ndisiva iincwina zemveku ezisaze ngobuso elizweni?
Ngaba yintando kaBawo ukuba osisi bethu baphile phantsi kweziziganeko?
Ukuba akunjalo kutheni nibacalula, nibabukula,nibaxhwila yaye nibabulala?
Madoda kwanele