Ndiyacondoba, ndiyeza…
Ndiza ndingxamile nto nje iintshutshiso ziyandibambezela.
Ukuba bekusiya ngokunokwam ngesele ndifikile.
Lizwe lamaphupha am nceda ndilinde.
Asele befikile kuwe bayandirhalisela.

Ndibabonela mgama loondebe beyiphakamisele phezulu bebhiyoza,
Ndithi mehlo am aluzizi ncedani, bonani, nibukele….
Kambe ngenye imini loondebe noyibonela kufutshane.
Lizwe lamaphupha am nceda ndilinde.

Abasemva kwam bayandileqa!
Kulendlela imagada ahlabayo ndiyanyamezela.
Ukuphephana neentolo endleleni yam kundityele ixesha.
Ukubalekana neenkxwaleko kunditshonisele ngamalanga.
Lizwe lamaphupha am nceda ndilinde.

Bendimane ndikubonela mgama,
Okwelanga lingcangca ezintabeni bendikubonela mgama,
Zithi neembandezelo zakundikha ezantsi ndivuke ndivuthulule,
Ndikhuthazeke bubuqaqawuli bakho ndingcileze ndisondele,
Zithi neentshaba zakundijikeleza kodwa mna ndinyamezele,
Kodwa namhla uthe qelele uxele ithamsanqa!
Lizwe lamaphupha am khawuncede undilinde.
Ndiyayazi ndikhule ndihlwempuzekile.
Ndiyayazi ndikhule ndihlelelekile.

Ndiyayazi ndikhule ndiyintlekisa.
Bendisithi ndiyokubamba ndingakuyeki.
Bendisithi ndiyokwenza isixhobo sotshintsha ikhaya lam.
Bendisithi ndiyokwenza isixhobo sofezekisa amanye amaphupha am.
Kodwa namhlanje uliphupha eliliphupha.
Uphuncuke ezandleni, ndasheka ndizilenca imilebe esidlangalaleni.
Lizwe lamaphupha am sundishiya, nceda ndilinde!

Ebendikhula nabo sebefikile kuwe,
Sebebuvile ubuncwane bequnube lakho,
Mna ndisaxwebise umlomo ndimgama,
Abanye babo bayandihleka bendincoma ubufede,
Kodwa ethembeni, ekunyamezeleni, nasemthandazweni,
Nokuba sele urhoxisiwe…mna ndizofikelela.
Lizwe lamaphupha am nceda ndilinde!