Ndinqwenela ukuhlala ndawonye nabo bandicaphukelayo
Ndineminqweno ngobomi bam kwaye ndiyazidla ngemisebenzi yam
Endiyenzileyo ukuphucula amathuba am
Ndisiwa ndivuka ndilungiselela ukufezekisa iminqweno yam
Ukuhamba kukubona zizivubeko zobunzima bam
Ndibhadule ndirhuqeka phakathi kwentshaba zam
Ndajikelwa ndaleqwa ngenxa yoku sebenzel’amaphupha am
Ngaphambili kukhon’ukukhanya mazixole zoni zono zam
Kuba akukho nkwali edubula ingethi andivumele amathongo am
Kuza kuvalek’umsantsa mhla laduduma lakuthi lawudlula kuvele
Gca abo bahlelele ukuty’izithende zam
Ndinqwenela ukuba bulela abagxeki bam ndibancome ngegalelo labo
Nokundinik’amandla wokunyamezela nendlela ngabula Phizo.