Limkile limkile iqhawekazi.
Imkile imkile inzwakazi.
Intyatyambo yesizwe madoda.
Kowu! Ibingumtya nethunga kunye noxolo.
Inene abakholelwa kuye abasokuze badaniswe.
limkile limkile iqobokazana madoda.
Intokazi ibixhentsa izombelela madoda.

Kowu! Lonyele idolo lenkonyana.
Hayi ukutshintsha kwezinto,
Ndithetha ngobundlobongela bale mihla.
Azi uthini na uQamata xakunje?
Bantu bakuthi thethani, ifikile ingxaki.
Ndithetha ngantoni xa ndingathethi ngenkohlakalo.

Bayaphi ubuntu kuthi ma-Afrika?
Xana umbetha, umxhokonxa, umxhaxha,
Umbukula, umcalula de anabele uqaqaqa, ngenxa yezenzo zakhe.
Ngenxa yokungaqiqi kwakho.
Uthi makayephi? Uthi makathini?

Kowu! Baphela ubuntu kwashiyeka ubulwanyana.
Ubundlobongela buqatsele butsiba ilitye likaphungela.
Thina malungisa sofa sikhala kuba ulwaphulo mthetho ayisilochiza.
Lonto! Ubundlobongela busulele nezinqanda mathe,
Akukho apho kunjani ndawo zonke ziyafana.

Kowu! Limkile, limkile iqobokazana madoda.
Ngathi ndiyambona ngolo ncumo lwakhe.
Ngathi ndiyambona ngoku ndweba kwakhe.
Ndithe mandisondele, suka wandibetha ngoncumo.
Kanti uthi lala gusha ndikuchebe.
Siyintoni na isono sabo kuthi bafondini?
Lento sibaphehluzelisa kabuhlungu kanje?

Xa umbetha igazi lakhe liyachiphiza.
Xa umbethela oogqirha nezicaka, igazi lakhe liyachitheka.
Owu! Ubundlobongela akushiyi ntsikelelo nakanye,
Kushiy’ izivubeko inkxwaleko, umvandedwa, kunye nezingqala.
Kushiy’ izishiqi ezikhwanqisayo,
Amashwa nezishwabulo kuluntu ngokubanzi.
Kushiy’ izikhalo iinkedama kuluntu ngokubanzi
Sonke siphela sigxwala emswaneni, umntu wonke wothukile uthe khamnqa.
Libi ixesha esiphila kulo kulemihla.

Limkile limkile iqhawekazi madoda.
Kanene ubizo lolwakho nzwakazi.
Ngenene nangenyaniso isitya esihle asityeli.
Ndlela-ntle nzwakazi ndlela-ntle ntokazi.
Kowu! Ubona nje nam ndibhidekile
Kowu! Nentliziyo ikrunekile, nam bendingazi.
Yini ukundishiya kwesomhlwa
Ngenene nangenyaniso wavalwa umkhusane, kowu sobonana kwelizayo.
Ndlela-ntle nzwakazi, ndlela-ntle ntokazi nam bendingazi.

#PolisaBabambe