Ingaba sekufike ilixa?
Ingaba sele lifikile ixesha lomgwebo?
Usizi olungaka azange ndalubona.
Oh yini Nkosi lawula.

Ingaba sonephi na Nkosi?
Sihlala sidandathekile,
Singxunguphele,
Sikhwankqisekile.

Baphela abantu okwe mpukani.
Singcwaba mihla nezolo.
Oh yini maxhoba ayakhawuleza,
Yiva imithandazo yethu bawo.

Kwakutshona ilanga,
Ingcinga ziyaphaxula,
Ndizive sendivuma iculo lama wisile,
“Ze ungayithobi Ingqumbo yakho,”

Oh Lawula msindisi waboni.
Thathelela thixo kwanele ngoku.