Intliziyo zixwebe ludaka,
sithi lala ngoxolo,
ukuhamba kwakho kusothusile,
kwenzekile singekakulindeli,
Yaqhawuka intambo yamfutshane,
Sazesafumana esona sigwebo,
Umfi ebesifukama njenge nkukhu eqandeni ukuze singafumani ngqele,
Ebeno bubele kwaye engena Khuphiswano,
Sashiyekela emva nemifanekiso emihle,
kwingxoxo zethu iyawe iphinde ibengubani ophikisayo?

Usishiya nezikhalo sodibana kwelizayo,
Maninzi amazwi ndohlulwa kukuwakhetha,
Sekukukhulu endikufundileyo kuwe,
Ukuba ubusecaleni kwam namhlanje buzothi β€œxola”,
Zibuhlungu inyembezi zomntu ongazange wakhala,
Libuhlungu inxeba elingabonwayo,
Akungeni ukutya okuluhlaza,
Sikubeka endlini yakho yokugqibela,
Xasikukhumbulile sobuya sizothetha nawe,
Le ndawo sikubeke kuyo sisi khumbuzo sakho nobukho bakho,
Ukufezile obuzokwenza emhlabeni,
Avumile amawenu ngawe,
Usibulisele ubuye usikhusele kwinto zobumnyama,
Uligorha kwaye sinebhongo ngawe,
Hamba kakuhle qhawe lethu,
Siyakukhulula emimoyeni yethu,
Igama lakho libhaliwe ezincwadini zobomi bethu,
Sohlala sikuthanda.