Ingathi ndiyakuva usitsho isijwili,
Ingathi ndiyambona ekuvala umlomo,
Ekudlwengula izihlandlo ngezihlandlo,
Inene le nyamakazi ifanelwe sisihogo,
Mayiphoswe kwesimnyama isisele,
Kaloku ndiyaqonda ukuba ubuyithembile,
Suke igazi lakho yalivulela omde umsele,
Le nkewu izidilizile iindonga zobudoda,
Ewe! kweso isambatho iwaqhawule onke amaqhosha,
Sizwe esimnyama kwenze njani?
Sifike nini kwesi sithili?
Apho iimveku zingakwazi ukuyekwa zidlale,
Apho kumele umzuzu nomzuzu zikrotywe kuxhalatyiwe,
Apho indoda izibonakalisa ubudoda bayo ngobunzima besandla sayo,
Apho umbilini uqhiphuka ngenxa yalowo ndizalwa naye,
Kuqale nini ukuba yindlwan’iyanetha ukuthatha ubomi?
nangona sikhululekile, singamakhoboka kwiintliziyo zethu,
nangona sele uthule uvakele dade wethu,
ilizwi lakho lilishukumisile ilizwe,
negazi lakho liwumanzisile umhlaba
kungoko ndisithi lala ngoxolo mnt’asekhaya,
awukhange ube ulufezile ugqatso,
kuba kaloku eli lizwe liyiqhawule ungekafiki kuyo intambo.