Dungcu uyisusile esihlalweni
Uyidandathekisile mandithi uyikrunile
Andinothi uyikhathazile nto nje uyihlukumezile
Ivuza igazi igabha amahlwili
Uba bingaphandle ngendiziqokelela iingceba
Uba bingaphandle ngendikubonisa owenzileyo umonakalo
Le uyenzileyo soze uthande sele isenziwa kuwe
Andishwabuli nto nje ndiva kabuhlungu
Andikhali nto nje ndiphalaza angafunwayo ngumzimba
Inqala andizalwa nayo kodwa le soze ndiyilibale
Ndiyafunga mhla ndakubona ndokwenzakalisa
Xa undihlutha isonka emlonyeni uthi ndotya ntoni na?
Uphalaza ulonwabo kwelam iqula uthi ndosela ntoni na?
Kutheni kakade ungena sizi?
Iphi kakade eyakho inimba?
Uvelaphi ndiye apho kungekho lusini?
Ukuba kukho okuqeshileyo ngalonto yena uzuza ntoni?
Ayindim ndodwa ofuna ukwazi sibaninzi
Ayindim ndodwa olilayo siliqela
Ufuna senzeni ukuze uyeke usijikeleza?
Xa efikile sibamba emlonyeni sikhulule emehlweni noko kwanele
Buyel’apho ubuvela nguwe sidikiwe
Lo ukuthumileyo mxelele siyaphela
Kufa uyagqugqisa kwanele uyasicutha
Buyel’apho ubuvela nguwe sidikiwe
Kwanele!