Kumnyama!
Ewe! Kwakumnyama, kwaye kusemnyama
Ndiyangcambaza kodwa kubuhlungu
Imileze iyala kodwa ndiyangcambaza

Kukude phambili
Kukude ekuphumleni
Kukude ekuxoleni
Kukude emva

Intliziyo iyopha
Ubuntombi bam buhluthiwe
Ubuntombi bam buthathwe ngenkani kungathandiswa kum

Kumnyama
Emphefumlweni kumnyama
Kudala ndingcambaza
Kudala ndiziqinisile
Kodwa nam ndahlukunyezwa
Ndiyoyika
Ewe nam ndiyoyika

Kwakukude phambili
Kwakukude emva
Kusekude nangoku
Kodwa ndiyangcambaza