Intliziyo yam ilihlwili, izandla zam ziwile.
Amehlo am adiniwe umphefumlo wam wonakele.
Ndisuke ndalamba, ndanxanwa
Ndahlutha, ndakholwa zizinto ezenzeka kulomhlaba.

Sibulawelwa amakhehle namakhehlekazi.
Sidlwengulwelw’ iintsana namanina.
Sisina sisombela sibukubela lemibundlwana
Akukhul’ ivukela kwathin’ isibone nje ngamaxhoba.
Zizinto ezenzeka kulomhlaba!

Mhlaba kanti thina soneni kuwe?
Lento silila umhla nezolo, singcwaba mihla le abadala nabancikane!
Umhlab’ emhlabeni uthul’ eluthilini.
Inene sonke siyaya kwantsonga nyawana, lomhlaba umagada anencas’ okomzuzwana.

Lomhlab’ uyasisela nje ngamanzi.
Umoya wawo usiphephetha nje ngomququ sisingis’ ekufeni.
Lomhlaba mhle ngenkangeleko kodwa ngaphakath’ ubolile!