Kudala ndidibana nabo.
Akhange ndimbone onje ngawe.
Ndiyazi andinguye uKwesta
Kodwa mna ngiyazifela ngawe.
Undenza ndizive nje nge Qhawe,
Ndiphele sele nditshaya
Ngeyakh’inqawe.
Kalok ndim, uthandiwe
Uchongiwe,
Baxelele sel’uthathiwe.
Ukhethiwe, sel’uboniwe
Sel’uqonyiwe.

Undivusa ngothando ndilele,
Uyandimbambazela
Ngelizwi lakho, kalok uyamameleka.
Uyathandeka, uyancomeka.
Owam umphefumlo uyoneliseka.

Thembeka, would
You mind if I call you
Thandeka?
Ndifuna wena,
Kum ungoyena.
Ungoyena yena
Wena wena
Sithandwa sam.

Ungoyena ufanelwe
Luthando lwam.
Ndifuna wena.
Wena wedwa ube sisihlobo sam.
Ubambolwam.
Wena ndofanaye wam.

Kudala ndidibana nabo.
Akhange ndimbone onje ngawe.
Ndiyazi andinguye u Kwesta
Kodwa mna ngiyazifela ngawe.
Undenza ndizive nje nge Qhawe,
Ndiphele sele nditshaya
Ngeyakh’inqawe.
Kalok ndim uthandiwe,
Uchongiwe,
Baxelele sel’uthathiwe.
Ukhethiwe, sel’uboniwe
Sel’uqonyiwe.