Indawo endisuka kuyo ingcwele ubunyhundululu
Apho kungekho mntu onokuqandela sowufuna uncedo, ukhala.
Indawo endisuka kuyo apho kugcwele inzondo nokubulalana.
Apho uyothi uxuthelwa isipaji
Sakho ungahoywa suke uhlekwe
Indawo endisuka kuyo apho uyofika abantu begcakamele
Ilanga liphuma naxa litshona ngoba ukukho misebenzi
Indawo apho uzokubona ulutsha lume ngekona lugade
Nabani na angamqhelanga ngenxayendlala
Indawo endisuka kuyo kulapho uzobona amasana elahliwe
Ezidreynini noba asaphila.
Umntu afunge agomele
Ngokuba asilolakhe

Indawo endisuka kuyo apho umntwana aneshumi angumzali ekhayeni lakhe.
Indawo endisuka kuyo apho abazali bathengisa
Ngabantwana babo ukuze bafumane izinto zokutya emakhaya.
Indawo endisuka kuyo ekubaleka igazi ngathi
Kubaleka amanzi
Indawo endisuka kuyo eCrossroads