Konakele phi na makazi we Afrika?
Konakele phi na kuwe mzikazi we Afrika?
Awuboni na ukuba umzi uyonakala?
Awuboni ni na ukuba umzi uyachithakala?
Awuboni na ukuba umzi uyatshabalala?
Ndiyabuza Afrika!

Liphi na elongcwaba kwagqunyelelwa kulo intlonipho?
Liphi na elongcwaba kwafihlwa kulo intetho ethi, “Umntu ngummtu ngabantu”?
Yatshona phi na intetho ethi “Intaka yakha ngoboya benye”
Yona ethi “Izandla ziyahlambani” yayaphi na?
Ndiyabuza Afrika!

Ngaba izigalo namagqudu sisisombululo na?
Ngaba ukubukulana ngokobuzwe sisisombululo na?
Ngaba umanyano nothando zatshona phi na?
Ndiyabuza Afrika!

Vuka emaqandeni uyawatyoboza
Suka ebumnyameni kaloku awuzobona
Buyisa umanyano kwisizalo sakho
Bombhathise abantwana bakho ngangubo inye
Sanyise ngabele linye
Sifundis’uthando khona ukuze kuzolunga e Afrika
Uneendlebe nje unetyala Afrika