Ilolo ngumntu ongenabani,
Ngamanye amazwi ulikheswa.
Oku kukuthi akanabani
Anokuthi aphalaze kuye
Nantoni na emtyayo ngaphakathi,
Ngamanye amaxesha ingabayiyo
Nento emenza achulumance okanye
Anxunguphale. Lo mhobe umbhali
Uthe wawubiza ilolo kuba yena
Ekuqaleni kwakhe ukubhala wayengenalo
Ixesha lesitalato ngoba wayeloko
Ezixakekise ngosiba noncwadi.

Phantse wonke umntu unesakhono
Sakhe asiphiweyo ngumdali kodwa
Umhlola sithezana amandla sodwa,
Akukho unqwenelela omnye umntu
Into entle koko elowo nalowo utyhafisa
Omnye, kuxhomekeke kuwe ke ukuba
Uzimisele kangakanani na ukifezekisa amaphupha wakho