Ndiluhlanga olunjan kanti?
Ndiluhlanga olungaziwayo,ndiluhlanga olungahlonitshwayo
Ndiluhlanga oluthukwayo
Kanti mna ndenzeni?
Ndizohlala apho ndizofumana ukuphumla?
Uba bekuhlalwa esibhakabhakeni bendizohlala inene.

Kukhona aMaxhosa,Mazulu,Mabhaca,Besotho njalo njalo
Kondwa mna andibizwa.
Ndingothi ndiya eMaxhoseni ndiyacalulwa
Kuthiwa ndilimpondo.
Ndingoya kumaZulu kuthethwa lento enye
ndenzeni bawo kanti mna ndenzeni?
Kudala ndizibuza andifumani mpendulo Ndithathwa njenge nja
Ingaba lonto ilungile?

Andinampendulo thulani ndinixelele ngam

Ewe, ewe ndiliMpondo mpo mna.
Phantsi ngocalu-calulo singabantu sonke,
Siyafana sahluke ngolwimi kuphela