Sukela ngemini ndiphulukana nomama,
Kwathi kanti notata uyakundibaleka
Nam ndatsho ndabizwa ngenkedama
Bambi bethi ndingokamfi,
Zisehl’okwemvula yenjikalang’iinyembezi
Kaloku nam andisakwazi kubaphikisa ndivuma,
okweculo lenkonzo ndithi nam ndiyamamkela

Ndiguqile ngamadolo,namathamb’akhuthuk’abon’ithuba okomoya kamtyhol’edlala ngomlisela nomthinjana
Ndinqula ndibongoza ndithandaza
Ndithandazel’utat’endingamaz’ukub’ukwesamani
Nabany’abantwana bandixelela ngotata babo kube ngathi ndingasitsho esikaqaqaqa
Iminqweno yam yeyokudlala indima yokuba nguNyana kuYise
Ndize nam ndibenguYise kwabam ooNyana

Liyinene elithi elokushiywa ngabazal’alipholi
Ndiyakrokra nabahlali abawaz’awam amazinyo
Eey lindisithile ilif’elimnyama nomama akandibon’esezulwini
Zicelo zam bendinazo zeqa zabalek’okwamabanjw’ebanjwa ligorh’elinguDumile Joj’ezijul’ijacu

Ndikhalile,ndingqukruleka
Ndisithw’isijwil’okomdlezan’eshiywe yimveku
Ndyakrokra nezobudal’iinyembezi ndizigqibel’ebutsheni bam
Ey nezobudoda zindiphosile
Bendinethemba lokuba ndakudlana ngeendlebe ngazo noTata

Ithemb’alibulali nto nje liyadanisa
Nomama wandithiya ngoLikhw’ithemba
Nam ndacing’ukuba lithemba lokumakhel’umzi kanti ndiyazikhohlisa
Lithemba lokulind’utat’aph’ekhoyo

Ngethemba nangenene ndoyiwel’ikanana
Ngethemba ndombon’utata
Ngethemba angabuya mhla kuthiwa ndiyobekwa kwikhaya lam lokugqibela
Ngethemba ndingathemba ndizithembisa kanti ndiyazikhohlisa.