Kutheni sihlala sekungasahlaleki?
Sibambelela sekuphele izizathu zokubambelela
Ayaphel’amandla kufike uloyiko kodwa asikreqi, siphokophela phambili.
Ngaphandle kwakho besingabayintoni.

Sihlala phezu kwamalahle atshisayo kuba siyazi azocima kungekudala.
Seside sabonakala njengezidenge kwabangaqondi, nemfama, nezithulu ngokwakwamoya.
Nkanyezindini engavumi kucima, eqhashumbayo kwakufika ucinezelo nokuphela kwenkuthalo. Nkanyezi ndini eqhashumb’esiswini kulabo sebeve ukuba soze baphumelele, abanto yanto.

Wena wazi ikusasa lethu
Wena awunyakaziswa zinkqwithelo nezaqhwithi
Awukhathazeki, awugungqiswa zingxaki nengxingongo zalo mhlaba.
Ilwizwi lakho litsho kakhulu lithi funzel’enzulwini ungabuyi ngamva noba senibona kukude phambili kukud’emva.

Akukho nkang’idubul’ingethi
Nokuba kungasentlango izon’imvula ngomso
Nokub’impilw’ingakrakra namhlamhlanje ngomso izobanencasa.
Nokuba kungamnyama kuyez’ukukhanya
Emva kobusika luhlobo
Nezulu’liduduma lidlule.
Hlal’ethembeni kuba kaloku luzal’unyamezelo, ke ekunyamezelen’ukhona umvuzo.

Sibuvil’ubuhlungu abantu besifa okwamaphela sekuphel’amandla kodwa
Lasuka lakhwelet’usana esiswini, laphum’ilizwi “ngeke kuhlale kunje”
Themba uzesulil’inyembezi zabaninzi wabanxibisa ibhanti lamandla, unyamezelo, nenkuthazo.
Soze ndasuka kuwe themba undenz’umtu
Ndizoqhubeka kuba ndingakwenza konke ndikuye lowo undomelezayo, ithemba lam.
Ngeke kuhlale kunjel Ngeke kuhlale kunje!