Ndifanel’ukuba ngumXhosa ongangxengwanga,
Kodwa ngenxa yomnombo owanyanzelwayo,
Leyo yinto eyenzeka kwatlandlolo,
Sifakwe kwesimnyama sona isihogo.

Kulapho ndaqala khona ukuthintitha,
Ndabalekela kwawokuqala endinokuwafumana amagama,
Ungade, kuba ungazi uthi ndiyasithanda isiNgesi,
Kanti akunjalo, ntonje sabethelelwa kum ngeenyembezi.

Kulapho ke ndaphulukana nobuntu bam,
Nditsho mna ukuzithemba negugu lam,
Ulwimi londwendwe luchaphazela zonke iingcinga zam,
Kolwam ulwimi avaleka amehlo am.

Yintsente endingasakwazi nokuyilola,
Ingaba ngubani bethu endifanelwe kukumsola?
Kaloku kum la ngamasi asele ade anentloya.
Ingaba isisombululo kukuyamkela kusini na le meko?

Ndihlafune ndonela, ntonje ndixakwe kukuginya,
Ongaka wona umthamo, kum sisixaka-mlomo.