Ukuluphala kwakho kukophuka kwam
Ukuphelelwa kwakho kukukwa kwam
Ukuphalala kwakho kukophela kwam
Bavakel’abantwana bakho bengqukruleka sisingqala
Zivakel’izandi zokuwa kwakho
Gguzu kree! Folokohlo wahla!
Kwathi cwaka! yasisizungu

Ngexesh’usandl’amazimb’isakhono sakho sivelile
Mhl’ufuman’imbasa yegolide ngobulonji bakho
Awuphelelang’aph’isandl’usivulile
Ndikhumbula mhl’ubek’ipomakazi lendlu kowenu
Wenyuka nengaloo wabuya nomnyunyuva wenqwelo mafutha
Ekanokutsh’engayiwayo
Bafa namthanyan’abanesigquku

Ebutsheni bakh’uzibalule
Mhl’uyomel’iphondo njenge njuze
Esikolweni kumabang’aphantsi bayakwazi
Iimbasa zonk’ubuziqokelela
Ngemihla yowonga bebeqhosh’imisila
Kumabang’aphezul’abawuval’umlomo
Ubuyimbalasane kwezenzululwaz’ubuchwepheshe nezibalo

Sagqama saqaqamb’isakhono sakho mhl’uyomel’isikolo
Kumhla kwavel’ubuchule bakho kwingxoxo mpikiswano
Ubuligcisa ngokwenz’uliqhaji ngocinga
Thina nto zaziy’asothukanga nto kuba kakade lento yinto yalonto
Sithi bekufanele kumf’omny mhla kwakhiw’omnye
Usibulisele kwelo zwe labaphantsi
Sithi ngxe! Akuhlanga lungehliyo
Vovololo! vovololo! ndegram!!!