Yeyani na lontsholo?
Bobantoni na obobuhlungu?
Laphalal’igazi ingelilo
Elikayes’emnqamlezweni
Bayixhelal’okwebhokhwe
Lonkwenkwana bayixhaxha
bayixhaphaz’umphefumlo
Yakuxhaml’ukufa lomveku

Waf’umntwan’omntu labhubh’usana
Yaxhum’inimba yasika kunina
Wang’uzakuzal’okokutsha
Wahlal’exhaleni engaz’usondel’enxebeni
Engayiqondang’ilahleko yalomphefumlo
Umnt’endinguye akanabuntu
Umnt’endinguye uyoyikeka

Lala ngoxolo Xolile
Ukutheth’ukufundel’ekufeni
Exolis’engonanga mntu
Walikhwaza uxolo umntwan’ebon’ukufa
Shuuu!!Ikrele emqaleni wosana
Hayi isibindi salomadoda
Awuphakamisela phezulu lomzimba
Ufa njan’umntwana ngekrele?

Ukanti nombulali ulibalala njan’usana?
Sibuzana ngenkathalo yomzali
Sithini ngombulali wosana
Ulala njani unegazi lomntwan’ezandleni?
Camagu Xolile lal’uxolile Mntakwethu

[previos]