Ndiphuphile nje ngabantwana bonke
Ndiphaphile nje ngabantwana bonke
Ndiphazamile nje ngabantwana bonke
Iphupha lam alizange lindishiye
Ndihlazekile phakathi kwabantu
Ndazihlamba phakathi kwabantu
Ndazihlonipha phakathi kwabantu
Iphupha lam alizange lindishiye
Ndidibene nezinto ezimnandi emhlabeni
Ndidibene nezinto ezimbi emhlabeni
Ndibudlile ubomi emhlabeni
Ndiyidlalile indima yam emhlabeni
Iphupha lam alizange lindishiye
Ndikhule ndingenabazali
Ndikhule ndingumpha ochutywe walahlwa
Ndikhule ndiyimpula kalujaca
Ndikhule ndiyinkedama
Iphupha lam alizange lindishiye
Bandishiyela ntoni abazali bam?
Bayaphi abazali bam?
Baphi ngoku abazali bam?
Baphi mntwandin’abazali bakho?
Ndaphathwa rhabaxa ziinkode zam
Ndagxwagxwiswa naziintanga zam
Ndiwavile loo makrele amagama
Ndiyivile imibuzo eliwaka kodwa ndabe ndingenazo iimpendulo
Iphupho lam alizange lindishiye