Ndikhule ndino mama utata engasekho, phofu enganabelanga qaqa esaduke nezwe kaloku urheme wayengomnye wonqevu umhla nezolo elala ebaliwe okwe gusha, owu isikhulisile le ntombi yakwa gxarha ngamabona ndenzile kunanamhlanje ndiswel’imilomo Ntombi yakwa gxarha ngendikubulela, imfundiso neziyalo zakhe umama asokuze ndizilibale ndofa nazo.

Ndingaka nje ngu mama uthando luka tata andilwazi noba lunjani, uthe umfo wasemzini ngoku sefumene ithuba lokuba ahlale ne ntsana zakhe emveni kweminyaka elishumi elinambini engasababoni abantwana bakhe wadlala ngelothuba, ewe umntwana uyona kodwa uyohlwaywa hayi ukuba akhutshwe ngomva nezithuko endlini. Bendisonwabile ndigcoba kuba nam ndide ndanaye lomntu ungu tata kobu bam ubomi, inqkwithelo namaqhwa afika intombi ibisele indala noko ibona nazo ke izenzo zobugwenxa zikho.

Ndiye ndakhulelwa lomntu ungumzali ndithi ngu tata akazange andamkele wandikhombisa umnyango endibiza ngamagama ixelegu, ikhukho lokwendlalela abafana kodwa andizange ndinake kuba ndonile

Ndithi ndakuwacinga lomagama kuthi yanga ndingathi “vuleka mhlaba Ndingene” ndihlala ndisithi ukuba ebekhona mhlambe ngendingazange ndibenzima kodwa andisoli bani. Ngenene nangenyaniso intombi yam libhongo neqhayiya kum, yintyatyambo yam ekhule cebu kuhle nengxondorha uLiyana ndimfanisa ne Nyibiba, Inyibiba yam entle uyathandeka, umhle ndikubone udlisela ngolwancumo lwakho luhonjiswe ngomlomo omnyama ngath uthanjiswe intshongo

Intyatyambo kwaxhosa ifaniswa nentombazana into enentliziyo enyulu kaloku Intombi Yintyatyambo Yokuhombisa ikhaya gxebe isizwe sonke ubokuve xakuthwa umntu obhinqileyo ufana ne qanda yonanto ithe yathamba Awunako ukuyiphosa xa uyibeka, uyibeka ngocwangco nocoselelo uqinisekile ukuba kulendawo uyibeka kuyo ikhuselekile kwaye ihleli ngothando novuyo kuba ukuba ithe yanzakala ayiphinde ilunge
,Ntombi yam kungako unyoko ekufanisa nenyibiba

***