YI NTSUMA NTSUMANE LE!

Ikhwelo lityala makwedini!
Konakele phi na bafondini?
Bafundi nithi kuthiwani xa kunje?
Watyeshelwa umqulu, umgaqo-siseko kunye namalungelo sikhangele.

Kowu! Nithi kuyiwa phi ?
Ndisuke ndanovalo
Ndisuke ndamelwa yimatha,
Lonto! Ndizibone sele ndimumatha, niphi xa kunje?
Bantakwethu nindlile ngale nkunz’ emdaka.

Masimanyane sibambane kwaye sibumbane, sibebanye,
Sitsho sibonise eli gama lithi ‘mfundo’ ibalulekile.
Wena kwedini uzeka kade umsindo
Wena ulikhaya lenkedama .
Nditsho kuni ziiNkonde nani ziiNkondekazi.
Le ntlungu ayithetheki, kway’ esisehlo asiginyisi mathe kwaphela.

Le ntsuma ntsumane ayifuni ,kuliwa ngezigalo nazikhali.
Lento ifuna siqiqe kwaye, siqonde ngqo ,
Apho kufele khona ithole,
ukuze sizikizikise ukucinga , siyithathele ingqalelo namanyathel’ obuchule ngoba lomba unobuzaza kakhulu.

Kowu! Inene inyanga isiphumele emini.
Lonto! Iziikhuni zibuye nabakhwezeli.
Ndaze ndakuva zwindini.
Liyinene elithi alitshoni lingena ndaba.
Kufuneka sizicenge kwaye sincekelele sigobe oku komsenge,
Ngoba imfundo isisitshixo sayo yonke iminyango.
Ngoko ke sithembele kuni ziNkokheli nani ziNkokhelikazi
Zeli ziko lwezemfundo khona ukuze nisilwele .
Ngoba unonkala uxing’etyeni