Intlungu yase university ayaziwa ngabaninzi
Ukubuya kwakho kwikhaya elingathathi ntweni yinto yohlekisa
Ukulala phantsi kwetafile akwaziwa ngabazali bethu
Ubunzima bokungakwazi ukubhalisela izifundo akuhoywanga ngurhulumente
Ukulala ungatyanga liculo eyunivesithi ze ukudutyulwa kwethu ibeli gwijo lase univesithi
Ukufa kwethu sifela imfundo yethu lilize emzantsi afrika
Ukucalucalulwa ngokwe bala kuyakhula kula maziko eli
Uqhanqalazo lolutsha sisono kweli lizwe
Bangaphi abafundi ekufuneka baphulukane nemiphefumlo yabo besilwela ilungelo labo lokufunda
Mangaphi amantombazana ekufuneka edlwengulwe ze abulawe, phambi kokuba kuqiniswe ukukhuseleko lwabafundi.
Ingaba esona sisombululo senu kusidubula singenza nganto na
Kutheni minyaka le singabafundi kufuneka silwele ingxaki ezinye
Okanye imfundo yethu ayibalulekanga kuni na
Sifa luxinezelelo lwengqondo ngenxa yenzame zokuba sifunde ngelinge lokukhawulelana nani
Sixolela ukuhamba silala naphina khona ukuze sizofika ngexesha ezi klasini
Abazali bethu bantyumpa ntyumpeka ematyaleni ngenxa yale mfundo niyixutha emilonyeni yethu
Oosisi nobhuti bethu babuya necriminal records endaweni yezidanga zabo abazisebenzele nzima
Wasidubula urhulumente owavotelwa ngabazali bethu namapolisa akhe
angena namaziko emfundo ephakamileyo erhuqa amajoni awo
Zatsho izithonga zavakala izikhalo, zabanjwa inkokheli zabafundi
Balimala abafundi lachitheki gazi lolutsha lungenza nganto
Rhulumente wathula kusonakala
Ingaba sise lulutsha le lilizwe na xa ungazu xhalaba ngengomso lethu.