Intetho bugwenxa yinteth’ embi
Ayehlukanga kumniniyo ngobubi
Umniniyo yinyoka kwisiqu somntu
Ulwimi lwakhe lonzakalis’ uluntu
Ubabona beqokelelene ndaweninye
Behleli bakhe umkhanyo
Begade nentwencinc’ edlulayo
Ukuyibek’ amabala bayibhence
Lenteth’ ingumqalekisi wokuhle
Izungul’ ukukhubekis’ ixhalabise
Iyingcamb’ embi yomona
Ezalwa liliso ngokubona
Abantetho bugwenx’ abaphumeleli
Basoloko bengcikivekile
Abonwabi bengaxabanisanga
Baphemb’ imilil’ engamiyo
Uyofika bebon’ ibatha
Wobabuz’ ubekelw’ izabatha
Bangumquq’ ophephetheka kud’ enyanisweni
Baxoliswa nje bubuxok’ ebomini