Iinqwithelo nezaqwithi zalemihla

Ndibethekile ndityhobeka ndiphambuka.
Ndigruzukile ndixhathisa ndijingxela.
Ndikhubekile ndigxadazela ndibetheka.
Ndinyamezela izivubeko imivimba kunye nenkxwaleko.

Ithemba alibulali nto nje liyadanisa.
Indoda ayikhali nto nje iyanyamezela igqithise.
Bathi ukumoshakala kwenye kukulunga kwenye.
Ndilingile ndizama impumelelo kodwa ndoyisakele.
Kowu! Kanene akulahlwa mbeleko ngakufelwa.

Ndihambile ndibetheka ndigruzuka ndiphoxeka.
Ndidibene nabagxeki, abonyelisi,
Abatyholi yaye nengcuka ezombethe ufele lwegusha.
Ndiyalekile ndiphazamile
ndibethekile ndikhathazekile.

Inene kaMdali ubom yinzulu yolwazi.
Ujikelwa zizihlobo nezalamani,
Ujikelwa yinkolo kunye nobuKrestu.
Ujikelwe nangabazali yaye nabantwakwenu.
Ndilingile ndizama impumelelo kodwa ndoyisakele.

Ndixolile ndikhalile ndigqithisile
Ndigqithisile ndityabukile ndizomeleza.
Ndibethwa ngamaqhwa, iqabaka ingqele, nezaqwithi zalomhlaba.
Ndivuka ndisiwa ndizam impilo kodwa ndoyisakele.
Akukho apho kunjani ndawo zonke ziyafani.
Ndikhangele ndicothoza ndishixiza phofu ndigxadazela.
Ndibethwa liphango ikati,
Ilele eziko isisu sithenca emqolo.
Lonto ndijonge phezulu ndizama ukubamba iinyembezi zingehli,
Ngenxa yobuhlungu nobunzima endiphefumla phantsi kwabo.

Kowu! Mandingasali ndingenaye umncedi.
Khawukhe undifihle Nkosi ngaphantsi kwamaphiko akho.
Khawuvele somading’ amahle ilizwe lonakele.
Ngenelela kudede ubumnyama kuvele ukukhanya.
Nam ndilingile kodwa ndoyisakele.