Inkolo yakwantu
Yintoni na inkolo yakwantu?
Ndithetha ngenkolo yommtu ontsundu
Umntu ozalwa kweli la se Afrika
Inkolo yabantu abadala

Le nkolo ndithetha ngayo
Yinkolo yokhokho bethu
Yinkolo yomzi ka Phalo
Apho into zo Ntsikana ziphuma khona
Apho kuphuma khona into ezinkulu Oonogqawuza

Ndithi kuwe mntu omnyama
Uyilahlelani na le nkolo
Uyibalekani na le nkolo
Xa ndithi inkolo yakwantu
Ndithetha ngenkolo yamanyange

Kunje nje emzini omnyama
Bayakhala abantu abadala bathi niyilahleleni
Xa nishiya lenkolo nishiya okhokho benu
Niyabalahla nithi maxhalanga batyeni

Amathambo alele ukuthula
Ayazibuza ukuba baphi na abantwana be Afrika!
Kuba kaloku babona, ezinye inkolo ziphuma zingena
Baphi na abantwana beli lizwe
Mzi omnyama buyela kwinkolo yokhokho benu
Buyelani kwinkolo kaQamata