Ndililolw’ into engenabani!
Uba ngona loLizo kone mna
Yimisebenzi yonke ijonge kwa-mna
Konke kwenziwa ngokungenalusizi
Nalusini kuba ndingenabani

Yehova yiba nam ngamaxesha onke
Ndiphe amandla okuwuthwala lomthwalo
Undiph’ amandla okunyamezela nendlela
Andinabani ngaphandle kwakho

Uba ngalila loLiz’ ukwabethwe ndim
Mna ndilal’ amehlo egwanty’ iinyembezi
Umzimba uthuthumela ziintlungu
Kazi ndoneni na mna ndodwa kulomhlaba.
Ubumnandi nenqathe ndazigqibela ndisenabazali

Inene wandenza Yehova
Wandithathela abazali
Xa kunamhla kumnyama entla
Ndiphila ubomi obukrakra
Bendingaqondi sisono ukungabi nabazali
Uphila ubomi bukanango-nango
Nanamhla wonile ungonanga mntu
Inkedama!