Imdaka yona
Izotyiwe yona
Inomtsalane yona
Iyathetha ke yona

Ngqayi, ngqayi ulikrele
Uyinqayi yendoda yesiXhosa
Uyanqaywa ziinzululwazi
Uyingcali yamangqindi
Iingqondi zidideka ziswantsulwiswa nguwe

Ungumcimbi wam nabanye
Ulisiko lam nabanye
Uyisophoro yam nabanye
Ndikuhloniphile ngqayi yakwaXhosa

Wena uyathetha
Bambi bekubuka ukumila kwakho obungoronta
Bambi bekuphakamisa njenge nkosi
Bakungqula njengo Qamata xa lithi ndithenge
Umama uvuka ngenja ixukuxa akucoce

Utatomkhulu wayethanda ukundibalisela ngawe
Wena usisihlwela esinenyaniso Kum

Ungumfanekiso Kum
Awuyonkohliso Kum
Hayi wena unguCamzibe kum