Ingomso bubuncwane bobomi.
Ingomso ligqalelwa ummiselo.
Akunakho ukungalinanzi kuba litola impumelelo yakho.

Ingomso alityeshelwa koko liyahlelwa.
Kwintlelo zakho ulwelwa ukunqoba imigibe yelingomso kuba kaloku uyonyuka lom’mango.

Ingomso linako ukuyanyaniswa nesibhengezo sona kuthiwa walala wasala. Sisanyamtya sodwa esiyakuphumla ngelixa lembandezelo.