Lalibalele ilanga lehlobo,
Mhla ndathi ndiyakuthanda,
Wena wathi hayi kungcono sibengabahlobo,
Azange ndikhathazeke kuba ndandisazi yonk’imitshato iqal’olohlobo,
Wawusisimomondiya okwentombi ye Indiya,
Yathatheka intliziyo yam kwanqumama nditsho kwa ikhwelo,
Intliziyo yadad’emafutheni yibanalombono walomjelo,

Ndakubuz’igama lakho wathi unguNobuhle,
Nam sendizichazile phofu ukuba ndinguSiphesihle,
Azange ndikwazi ukuzibamba kakade iyanconyw’into xa intle.

Ndamosha ngokuthi ndingowaseMbekweni,
Suke wandibhebhetha undichila okomshologu,
Wathi awufuni kwanto ngabafana baseMbekweni,
Kuba bathatha abakufunayo bakushiye ukhulelwe ungumlwelwe,
Ndadomboza ndathi ntombi ndiyacela intliziyweni yakho mandivulelwe,
Ndavuyiswa kukuva elolizwi lakho xa usithi ewe,

Andazi noba usayikhumbula na lomini nkosikazi,
Kuba into eyalandelayo yaba zezihamba ngamanqina aman’iimazi.
Ndatsho lomhla ndathi mna nawe sakunqandwa zinkwenkwezi,

Nkosikazi uthando lwam kuwe lucwenge okwamanz’omthombo ngentseni,
Kumthombo wothando entliziyweni yakho ndisele ndakholwa,
Umdlalo wezothando entliziyweni yam uphelile,
Kuba ngawe Tshawekazi lam umkhusane uvaliwe.

Mna nawe sakwahlulwa kukufa!