Zininzi iziphekepheke endleleni yobomi
kodwa wena ungagungqi uhlale
uliUungiswa, ungalingwa ngumsindo ,
ungalingwa zintetho ezingahlambulukanga
eziphuma komny’umntu .

Eyakho indlel’ifuna uguqe ngedolo ucele
Kophezulu nokhokho bakho bakukhokhele
ucele kwenzeke ngentando yabo kwaye
ucele ulungiselelwa ngabo ingxaki zakho,
Wena lungiswa eyakho indlela ibukeka
ngongath’inzima kuba kaloku wena
unoloyiko lokuziphindezela / lokuzilwela,
kaloku elakh’ithemba likophezulu nakwa
baphantsi.

Indlel’enoxolo kwaye nekulula ukuqhubekeka
phambili kuyo ngeyakho lungiswa .