Mlomo wam thula
Ngqondo yam libala
Ntliziyo yam xola
Zandla zam ungadinwa kumana undosul’inyembezi
Ndandiba ndifumen’ubambo kanti ndifumen’utshaba

Ndikhumbula kumnandi sihleka siboniswa, siphupha kunye
Suke ndayinqambi kuwe wabona abangcono kunam, abaqheleqhele
Abane figure.

Ndandiba ndifumen’ubambo kanti ndifumen’utshaba
Ntliziyo yam ulutshaba kwaye ukwanguye nomhana hanisi

Mlomo wathula
Ngqondo yam libala
Ntliziyo yam xola
Zandlazam ungadinwa kumana undosul’inyembezi