Vukani mavila! Vukani mavila!
Liyatshon’ilanga uzonqotywa njani lommango?
Vuthululani isivatho senu esilthemba nivathe sona,
Ningalibelanga ukuba nozuza uloyiso.
Akuxesha lokubanomqolo ungaqiniyo eli.

Urhatya nentsasa niyazana nalo nisoloko nichankcatha ninkxakamele ulwazi. Abahlohli benu bawancamile amakhaya ngenxa yekamva lenu elinexabiso. Nize ningami nematha xa bemana kunigxelesha kuba kaloku isilonda sithomalaliswa kukuthunukwa. Akusimango salonwabo esi uncumo kowenu lusenkcochoyini lwentaba yempumelelo.

Nyamezelani intlungu yexeshana nithobele noba nizibona njengamakhoboka emfundo. Nqwalani iintloko zenu ninyamekile kuso esisithokothoko sobumnyama siyakuba yimincili ngemini yesivuno.

Bonani manqenerha asingonyaka loo lusiki,nice ninganzi iinyanga lithakiwe elixesha.Inguqu nempucuko yekusasa lenu isezandleni zenu.Endleleni niyakungqubana nabenyelisi abayakunithyafisa nize nixhobel’udano kunyaka wenu weMatriki.

Isandla sihlamba esinye ngokunjalo nolwazi kuyangcazelwana ngalo ukuze luzinze nasengqondweni.