Ndithi ndiqingqa ndihamba
Ndigqitha ndihamba
Ndikhubeka ndisiwa
Ndinyuk’ amaqhina ndisiwa
Akhokubuya ngamva
Akukho kwalomava
Kulikhuni kulitye
Kubuhlungu entliziyweni
Eyam’ indlela ixinekile
Bangumtyingotyi endleleni yam
Bathetha umlembelele abayeki
Eyonanto ndileq’ impumelelo yam
Yhini na Qamata vuma
Tyhini kunini ndivalelekile vula
Ngestixo sakho sezulu ndiphume
Sona sivul’ unaphakade ndiphumelele