Ndiphumelele nje nguwe mama
ubusiwa uvuka nathi kunzima
Bekunzima silala singatyanga
bekubuhlungu ungenamncedisi
bekubuhlungu sidlakazela
enkosi, enkosi, enkosi mzali wam

Zange walilahla ithemba mama
ubuyenza imizamo nemigudu
ubuzesula iinyembezi kuthi
ubuvuka uyozama amatorho
ubuzithunga impahla zethu ezikrazukileyo
enkosi, enkosi, enkosi mzali wam!

Zange walilahla ithemba kuthi
ubuyazi okokuba imfundo ibalulekile
ubuyazi ukuba izakuyiphelisa le ntlupheko
ubusiqhubela esikolweni silambe sinjalo
ubuqinekisa ukuba izixhobo zesikolo zikhona
enkos, enkosi, enkosi mzali wam!

Ubusifundisa ngokuhlonipha
ubusifundisa ngokusebenza kanzima
ubusifundisa ngokunyamezela
ubusifundisa ngobukrelekrele
ubusifundisa ngokungancami ebomini
enkosi, enkosi, enkosi mzali wam!

Ekunyamezeleni uye wakhona umvuzo
ndanyamezela mama ndade ndazifeza izifundo zam
ndinyamezele kunzima kodwa zange ndincame
ingqeqesho yakho yandenza umntu ohloniphayo nohlakaniphileyo
enkosi, enkosi, enkosi, enkosi mzali wam!

Namhlanje ndingugqirha owaziwayo
namhlanje ndim okunakekelayo mama
namhlanje ndinekhaya elifudumeleyo
namhlanje sonwabile ekhaya nguwe mzali wam
enkosi, enkosi, enkosi mzali wam!